Iindlela zendalo zokugcina iinkukhu zisempilweni
Amanzi okusela amdaka, indawo ezingqongileyo engacocekanga, nokutya okungafanelekanga kubangela izifo ezininzi kwinkukhu. Coca ihoko kwaye ususe ilindle kunye nokutya okonakeleyo yonke imihla. Unokuhlambulula amanzi okusela nge-turmeric powder okanye i-potassium permanganate. Yondla iinkukhu ukutya okunesondlo. Yongeza i-galikhi okanye itswele ekutyeni kwazo ukwakha ukhuseleko. Amayeza anmagqabi ezityalo ezikrakrayo anceda ukuthintela izifunxi-gazi zamathumbu. Phelisa iintshulube kwiinkukhu ngoncedo lwencindi yepapaya, i-betel nut okanye ixolo leziqhamo zerharnati. Thintela ukunqqongophala kwe-calcium ngokunika iinkukhu i-lime okanye iqokobhe leqanda elicoliweyo. Bopha isipha esincinci samagqabi anevumba elimnandi kwindlu yeenkukhu ukugxotha iintsholongwane zangaphandle